Lonyuke layokutsho kwithoba inani labantu ababhubhe emva kokudilika kwesakhiwo sase-Ormonde, kumazantsi eRhawuti. Othethela iinkonzo zikaxakeka kwisixeko saseRhawutini uXolile Khumalo uthi ziqalisile ngalentseni iinkqubo zokuhlangula nokufumana amaxhoba, emva kokumiswa kwazo phezolo ngeloyikisela ukhuseleko lwabasebenzi bohlangulo, kwaye isengumntu omnye ongekafunyanwa. Ukanti uphando luyaqhuba ukukhangela unobangela wokudilika kwesi sakhiwo.