Indibano phakathi komphathiswa wezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko, uGayton McKenzie, kunye nonozakuzaku waseMelika eMzantsi Afrika, uLeo Brent Bozell wesithathu, iphakamise imibuzo ngokuba ingaba iwujongele phantsi na umgaqo-nkqubo osemthethweni woMzantsi Afrika wezangaphandle. UMcKenzie udibene no Bozell kwindawo ahlala kuyo ngoLwesihlanu. Le ndibano yenzeke kanye nje emva kokuba umphathiswa wezobudlelwane bamazwe ngamazwe nentsebenziswano, uRonald Lamola, eqinisekisile ukuba unozakuzaku bafuna aphendule ngezimvo zakutsha nje ezijongwe njenge zingafanelekanga ngokwezozakuzo.