Kubekho ungquzulwano ngelixa kuvulwa izikolo izolo, phakathi kwabazali babantwana bakweli kunye nabazali abangabemi bangaphandle, kwisikolo samabanga aphantsi i-Addington kwiphondo i-KwaZulu Natal. Iingxelo zithi bonke ababazali bebeqhankqalazela ukungafumani indawo yokufunda kwabantwana babo kwesisikolo. Abazali babantwana bakweli batyhola ngelithi esisikolo sibeka phambili abantwana babemi bangaphandle ukubhalisela indawo yokufunda, logama abemi bangaphandle bakholelwa ukuba bayacalulwa. Kukwavakala ukuba i-Addington kuphela kwesikolo sikarhulumente esikulammandla kwaye owona mngeni ujongene nesisikolo kukuxinana kwabafundi ngenxa yokungabikho kwendawo, nanjengoko kusekho abantwana abakuluhlu olulinde ukungena kwesisikolo ebebebhalise kunyaka ophelileyo.

ZIBUZWAKUTHI - LEKOTA
07:27

ZIBUZWAKUTHI - MADLANGA DAY 71
06:20

ZIBUZWAKUTHI - COLLAPSE PUBLIC WORKS
10:15