Isibhedlele saseBhisho eMpuma Koloni kuxelwa ukuba asinamanzi nombane. Esisibhedlele sithembele kwijenereyitha eqeshiweyo emva kokuba isichotho sihlasele ummandla wase Buffalo City ekuqaleni kwale veki. Umbutho wamanesi iDemocratic Nursing Organisation of South Africa, utyhola abaphathi besibhedlele ngokungahoywa kwezigulana. Izigulana ebezithetha bucala, zithi imeko imbi kakhulu kwesisibhedlele. Zithi zichithe iintsuku ezintathu zingenamanzi kwiveki ephelileyo, kwaye isichotho senze imeko yamandundu ngakumbi. Ezinye izigulana ebesele zidikiwe yilemeko, zizikhulule zagoduka. Ukusabela banzi ngelinqaku, emnxebeni masamkele isithethi sesebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uSiyanda Manana.