Intro: Ingaba abantwana abangamantombazana kufuneka belumkisiwe ngokuya eposini, okanye ngokuphuma endlwini ezikuphela yokonwaba? Lombuzo uphenjelelwa kukuba uUyinene Mrwetyana owayengumfundi eUCT wadlwengulwa wagetyengwa ngo2019 nguLuyanda Botha, eseposini eyokuthatha ipasile yakhe, ngubani ke owayekhe wacinga ukuba umntwana angasweleka ngolohlobo. Lombuzo ukwaphenjelelwa kukuba obengumfundi waseWits uOlorato Mongale ebezikhuphile ecinga ukuba uyokwazana nesoka, kanti kumhla wasweleka. Zininzi eziganeko ezimasikizi ezehlela amanina oMzantsi Afrika zisenziwa sisandla sendoda