Obambele njengomphathiswa wesebe lesipolisa, uFiroz Cachalia, ungqinile ukuba ingxaki yamaqela oonqevu ngumngeni onzima kwaye okhulayo, kodwa esithi ii-arhente zonyanzeliso mthetho azikabikho kwisimo sokuqubisana noonqevu ingakumbi kwiphondo iNtshona Koloni neMpuma Koloni. UChachalia ukuthethe oku ngethuba eseMpuma Koloni eyokubamba iingxoxo nabathathi nxaxheba abaquka amaqonga alwa ulwaphulo mthetho ekuhlaleni, iinkokheli zeetyalike nemibutho yoluntu. Umbutho iDA uzigxekile ezi ntetha zikaCachalia, usithi oku kuyafana nokungathi urhulumente uyanikezela kumaqela oonqevu nanjengoko uluntu luphila ubomi bentshontsho ekuhlaleni, kungcwatywa umhla nezolo ngenxa yoonqevu, kwaye namashishini engaqhubi kakuhle ngenxa yokunyanzeliswa kwentlawulo yokhuseleko efunwa ngaba nqevu. Sihleli nengcali kwimiba yolwaphulo mthetho, uThemba Ntuli.