Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

LAPHUMA - PRISONERS DEATH

View descriptionShare

Ikomiti yepalamente ejongene nesebe leenkonzo zoluleko, ivakalise inkxalabo ziziganeko zokusweleka kwamabanjwa kumaziko oluleko kuzwelonke, engagulanga. Lamabanjwa asweleka ngeziganeko ezahlukileyo eziquka ukubethwa, nokuzibulala. Usihlalo walekomiti uKgomotso Ramolobeng, umemelele kwisebe leenkonzo zoluleko ukuba likhawulezise uphando kwiziganeko zokusweleka kwamabanjwa engagulanga, ingakumbi kwiziganeko ezibandakanya amagosa esebe. URamolobeng uthi lekomiti ikholelwa ukuba ukungakhathalelwa kwamabanjwa ngendlela eyiyo, kwanokungasingathwa ngokukhawuleza kwezikhalazo zawo, ngomnye woonobangela balengxaki. Lekomiti ithi ive ukuba ngamabanjwa afikelela kumashumi amathathu athe asweleka engagulanga kwiikota ezintathu kunyakamali u2025/2026, logama ingamabanjwa alishumi elinesihlanu athe azibulala. Sihleli sihlalo walekomiti yeenkonzo zoluleko epalamente, uKgomotso Ramolobeng…

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,872 clip(s)