Ikomishoni ejongene nokukhuselwa kwamalungelo eelwimi namasiko oluntu, i-CRL Commission imemelele kubo bonke abo bachophele isiko lokuhlolwa kobuntombi, kwiintwazana eziselula ukuba bathobele umthetho ojongene namalungelo abantwana xa besenza lenkqubo. Lekomishoni ibethelele ukuxhaswa nokukhuselwa kwamalungelo abantwana eMzantsi Africa, nanjengoko kuqukunjelwa inyanga yamalungelo abantwana. Oku kuza nanjengoko kulindeleke ibeliqela lamantombazana aselulula azakuhlolwa kwelixesha lasebusika. Lekomishoni ibiphefumla kwiingxelo zokuba kukho abo abakhokela lenkqubo yokuhlolwa kwamantombazana, abahlola abantwana abaselula ngokweminyaka nokukhabanayo nomthetho ojongene namalungelo abantwana. Sihleli nosekelasihlalo wekomishoni ejongene nokukhuselwa kwamalungelo eenkolo iCRL commission uPrince George Mahlangu, nomongameli weziko iNomkhubulwane Institute ugqirha uNomagugu Ngobese...