Ibhunga likazwelonke elijongene nokuliwa korhwaphilizo eMzantsi Afrika, linikezele ngengxelo yokugqibela kumongameli uCyril Ramaphosa. Eli bhunga laasekwa ngonyaka ka2022 ukunika umkhomba-ndlela namaqhinga anokusetyenziswa ekulweni urhwaphilizo kweli lizwe. Eli bhunga licebise ukuba kusekwe iqumrhu elisisigxina elizimeleyo elichasene norhwaphilizo, nelizakwaziwa njenge ofisi ejongene nesidima soluntu echasene norhwaphilizo, iOffice of Public Integrity and Anti-Corruption ngolwasemzini, enjongo yayo kukuthintela, ukuphanda kunye nokulwa urhwaphilizo olucwangcisiweyo. Sihleli nosekela sihlalo welibhunga, uNkosazana Nomandla Mhlauli...