Usihlalo wekomiti yepalamente ejongene nesebe lemfundo esisiseko uJoy Maimela, uthi umgaqonkqubo ekudala ulindiwe ojongene nomthetho wemfundo iBELA, nopapashwe kumqulu karhulumente ngumphathiswa wesebe lemfundo esisiseko uSiviwe Gwarhube, kungenzeka ungangqamani neenjongo osekelwe zona lomthetho. UMaimela uthi ngaphambili beyilekomiti bavakalisa ukuba umgaqonkqubo olawula lomthetho upapashwe kumqulu karhulumente ngaxeshanye. Sihleli nosihlalo wekomiti yepalamente ejongene nesebe lemfundo esisiseko uJoy Maimela, kwelinye icala masamkele ophuma kwibhodi ejongene nolawulo lwezikolo, iSGB, uMatakanye Matakanye...