Umbutho iArbitration Foundation of South Africa, i-AFSA ngamafuphi, nengumbutho ongenzi nzuzo olawula imbambano bucala, usungule inkqubo engokubonelela ngeenkonzo zasimahla zokusombulula imbambano phakathi kwamashishini asakhasayo neziqu, nebizwa iJustice Through Mediation. Iinjongo zale nkqubo kukuzama ukucutha ulibaziseko lwamatyala ezinkundleni, nokubangela ukulibaziseka kumba wokusonjululwa nokuqukunjelwa kwamatyala, kwa nokuphelelwa lithemba koluntu kwinkqubo yobulungisa. Ukanti nokungalingani phakathi kwaabo bapokotho zifumileyo nabangathathi ntweni kubonwa njengonobangela wokulibaziseka kwamatyala, xa ubani engenamali yaneleyo yokuhlawula amagqwetha abucala. Sihleli nengqonyela yeAFSA uAndile Nikani...