INTRO: Umbutho wooGqirha abajongene nengqondo eMzantsi Afrika, iSouth African Society of Psychiatrists (SASOP), uthi ubuncinane lilungu lesipolisa elinye elisweleka ngokuzibulala qho ngeveki, nto leyo ebonakalisa ukwenyuka kweqondo loxinezelelo lwengqondo kubasebenzi abasebenza kakhulu phantsi kweemeko zokunqongophala kwezixhobo zoncedo lokuqala eMzantsi Afrika. Lombutho uthi amapolisa angamashumi amahlanu anesine aye azibulala ngo 2024/2025.