APHA - TOPIC - 137 HUNG COUNCILS #LGE26

 

Umhlobo Wenene Current Affairs

Umhlobo Wenene Current Affairs
2,767 clip(s)
Loading playlist

INTRO: Unyulo looRhulumente basemakhaya lushiye oomasipala abalikhulu namashumi amathathu anesixhenxe kweli bengenambutho uphumelele ngesininzi sokulawula uwodwa. Oku kuthetha ukuba ngoku imibutho yezopolitiko kwabamasipala kufuneka ibambe iinkqubo zothethathethwano ukuseka ooRhulumente boqhogwano, nokuthatha isigqibo sokuba ngoobani abazakungena kwizikhundla ezibalulekileyo ebhungeni. Kodwa ngaphandle kokuqwalasela ezingxoxo zezopolitiko, kukho iinkqubo ezibalulekileyo ekufuneka zilandelwe ukuze oomasipala bakwazi ukuqalisa ukusebenza phantsi kwesikhokhelo esitsha. Ngolurhatya siqwalasela ukuba asekwa njani amabhunga oomasipala, iinkqubo zokwenyula ooSodolophu nooSomlomo, ukuba kwenzeka ntoni xa imibutho ingakwazi ukufikelela kwisivumelwano ngokuba ngubani omakalawule, nokuba uthini umthetho olawula ukusebenza koomasipala, i-Local Government Municipal Structures Act, ngexesha elibekwayo lokuba oomasipala baqalise ukwenza umsebenzi wabo, nokusa iinkonzo ebantwini.