Inkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika ijamelene nemingeni eliqela nalapho ityholwa ngorhwaphilizo olubandakanya abantu abakwizikhundla eziphezulu kuquka nosopolitiki. Emva kwezityholo ezinobuzaza zorhwaphilizo ezenziwe ngumkomishinala wamapolisa waKwaZulu-Natal, uNhlanhla Mkhwanazi, imanyano yamapolisa iSouth African Police Union ivakalise ukungaxoli kokwenzeka esipoliseni, nalapho isithi yiminyaka kukho ungenelelo lwepolitiki kwinkonzo yesipolisa. Amanye amapolisa athethe nejelo leSABC kwiveki ephelileyo avakalise ukuba urhwaphilizo olwenzeka esipoliseni noxinizelelo asebenza phantsi kwalo akhokhelela ekubeni asele utywala ngamandla njenge ndlela yokumelana neemeko abasebenza phantsi kwayo. Ukanti emva kwezizityholo zorhwaphilizo umongameli uCyril Ramaphosa, uthumele umphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu kwikhefu elikhethekileyo.