UMkhuseli woluntu uAdvocate Kholeka Gcaleka, ephelekwa ligqiza lakhe, batyelele bengabhungisanga kwisibhedlele saKwaMaqoma, i-Maqoma Provincial, eMpuma Koloni ngale mvakwemini. Oku kuza emva kwezityholo eziliqela ezenziwe ngabahlali bale dolophu ngakwesisibhedlele, neziquka ukonakala kweziseko, ukushokoxeka kwabasebenzi, nokungakhathalelwa kwezigulana. Abahlali batyhola ngelithi ngamanye amaxesha kufuneka ibe ngabo abakhathalela abantu babo abazizigulana, ngenxa yokungabikho kwabasebenzi bezempilo, phakathi kwezinye izinto abangaxolanga zizo.

APHA - NATIONAL EDUCATION SUMMIT
24:34

ZIBUZWAKUTHI - WEEKLY WRAP
17:31

ZIBUZWAKUTHI - NIGERIAN KING
04:40