INTRO: Abo baxhamla izibonelelo zentlalontle zikaRhulumente, abasasebenzisa amakhadi ambala ogolide akwa-SASSA, bayabongozwa ukuba bakhawulezise ukutshintshela kumakhadi amatsha ePostbank, amnyama. Oku kuza nanjengoko lusondela usuku obelubekiwe, lomhla wamashumi amathathu ananye KweyeThupha, apho angasayi kusebenza amakhadi agolide.