Iikomiti zasePalamente ezijongene nomiliselo loxolo nokhuseleko, zikwamkele ukutyalwa kwamajoni kumaphondo onganyelwe lulwaphulo mthetho. La majoni atyalwe kumaphondo afana neGauteng, iNtshona Koloni neMpuma Koloni, ngeliyokuncedisana namapolisa. Ezi ndawo kutyalwe kuzo amajoni ziphawulwe njengesigqubu samaqela emigulukudu nezo kuvame ukwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni. Umongameli uCyril Ramaphosa wabhengeza ukutyalwa kwala majoni ngethuba esenza intetho yobume belizwe kwinyanga ephelileyo.