Iqela lebhola ekhatywayo lase Senegal lohluthwe indebe yamazwe e-Afrika ka 2025, ze yanikwa iqela laseMorocco. Esi sigqibo sombutho webhola ekhatywayo e-Afrika i-CAF, siza emva kokuba umbutho webhola ekhatywayo eMorocco wafaka isimangalo. Kwaaqhambuka umbhodamo ebaleni ngosuku lomdlalo wamagqibela kankqoyi wale ndebe, owawungomhla weshumi elinesibhozo kweyo Mqungu kulo nyaka, emva kokuba i-Morocco yanikwa penalty kwimizuzu engephi ngaphambi kokuphela komdlalo. I-Senegal kamva yakhalala yaphuma ebaleni isithuba semizuzu elishumi elinesihlanu, ze xa ibuyela iMorocco yayiphosa i-penalty. I-Senegal yaye yafaka inqaku kwixesha elongezelweyo, yaphumelela lo mdlalo ngenqaku elinye eqandeni.