Umasipala ombhaxa, iNelson Mandela Bay kwiMpuma Koloni, uthi wothukile kukuba yinxalenye yoomasipala, abaphawulwe ngunondyebo wesizwe, nje ngekuzakukhe kuthiwe xhaa ukubanika isibonelelo esenzelwe ukuxhasa oomasipala, sale nyanga. Lo masipala umbhaxa, umhoka-mhokana nenkcitho yakudala engagunyaziswanga, nengangenisi nzuzo, exabisa malunga namashumi amabini anesibhozo ee-billion zeerandi. Umasipala ombhaxa iBuffalo City, nomasipala iMakana, baphakathi kwoomasipala abathandathu kweli phondo, abakuluhlu lukanondyebo wesizwe loomasipala, abangazukufumana kwesi sibonelelo, kule nyanga.

APHA - REFUGEES ACT UNCONSTITUTIONAL
30:46

ZIBUZWAKUTHI - REAX AB XUMA
11:56

ZIBUZWAKUTHI -HEALTH OMBUD
08:19