Akuvumelekanga ukugxothwa kwabo bafuna igwiba lokhuselo kweli loMzantsi Afrika, ngaphambi kokuba bafikelele kwiinkqubo zelilizwe eziqwalasela izicelo zabo bafuna ukubhaliswa njengee mbacu (refugee status). Oku kuvakaliswe kwisigwebo esibeyimbali senkundla yoMgaqosiseko, ngethuba zonke iiJaji zale nkundla zingqinelana ukuba imihlathi ethile yomthetho weli ojongene neembacu, inxamnye noMgaqosiseko. Le nkundla ifumanise ukuba iinguqu ezenziwa kulo mthetho ngo2020, zabangela umqobo othintela abo bafuna igwiba lokhuselo ekubeni ziqwalaselwe kakuhle izicelo zabo. Ngokokutsho kwale nkundla, oku kunyhashe imithetho yehlabathi ethintela amazwe ekubeni agxothe okanye abuyisele abo bafuna igwiba lokhuselo kwezindawo bazifulatheleyo, ngeloyikisela ubomi babo. Ukanti lenkundla ikwaligxekile isebe lemicimbi yezekhaya ngendlela eliwusingathe ngayo lombandela, ngelithi ungabangela iinkolelo ezingeyonyani ngeembacu ezikweli loMzantsi Afrika.