Isebe lezothutho eMpuma Koloni, lithi ukwenyuka kwezinga lolwaphulo mthetho olucetyiweyo, kwenza kubenzima ukuba elisebe lenze umsebenzi walo ngokugqibeleleyo. Lithi kubonakala ngathi kukho umkhambathi woonqevu ohlasela ze uphange izithuthi zesebe ezisetyenziswa ngexesha kulungiswa iindlela ezonakeleyo, kwindawo ezisemaphandleni. Uhlaselo lwakutshanje lwenzeke kwindlela uR61 nalapho iqela labasebenzi abasebenza endleleni kunyanzeleke libaleke ukuze lisindise ubomi balo, nanjengoko bekudutyulwa isigadla esiluhlobo lwe Crane ngexesha eliqela belisuka phakathi kwaseDutywa naseNgcobo apho belisebenzela khona, lisingise eKomani.

LAPHUMA - COMMISSION HEALTH SUBPOENA
27:38

APHA - SCHOOL ADDRESS FRAUD
29:53

APHA - RAMAPHOSA TRANSPORT
04:23