Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

APHA - DA GEORGE

View descriptionShare

Uyakubethakala ngeyona-ndlela umbutho we-Democratic Alliance ukuba uyasilela ukunqanda imilo yangaphakathi, iyantlukwano ekhoyo nokungaboni ngaso'linye. Esi, sisilumkiso esivela kumhlalutyi wezoPolitiko uNjingalwazi John Molepo. Oku kuza emva kokuba uDion George ekreqile kwiqela leDA nakuzo zonke izikhundla ebezibambe kulo mbutho. Kwimbalelwano eyothusileyo, uGeorge ubanga ngelithi iDA ibanjwe ngempumlo liqela le-ANC ngokwezenzo zeNkokheli yawo, uJohn Steenhuisen kunye nezinye izinto zolwaphulo-mthetho. Noxa kunjalo, ephendula kule mbalelwano yokulahla kwakhe, uSihlalo walo mbutho uHelen Zille uveze iintandabuzo mayela nelixesha lokulahla kwakhe. Esithi uGeorge umka kwi-DA phambi kokujongana nenkqubo yoluleko. 

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,793 clip(s)