Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

APHA - COGTA REPORT

View descriptionShare

Umphathiswa worhulumento ngentsebenziswano kwiphondo iMpuma Koloni, uZolile Williams, ukhuphe isilumkiso kwiinkokheli zeANC kumasipala ombaxa iBuffalo City, sokuba bajamelene nomngcipheko wolawulo ngorhulumente wentsebenziswano emva konyulo loomasipala lonyaka ozayo, ngenxa yokungaboni ngasonye kwezopolitiko kulombutho. Intetho kaWilliams iza emva kokukhutshwa kwengxelo yesebe engemiba yoomasipala abasixhenxe abangasebenzi kakuhle kweliphondo, apho umasipala iBuffalo City ubalulwe njengo ngakhange ulandele nosileleyo ukuthobela imigaqo-nkqubo efanelekileyo yenkqubo yentengo, phakathi kwezinye izinto. Ingxelo eyothusayo ekhutshwe ngoLwesine weveki ephelileyo, ifumanise ukuba lomasipala umbaxa unike ezinye iziniki maxabiso ngokwenza izicelo zokufumana imvume yokungalandeli imigaqo, nalapho ezinye zingangqamani nemiqathango yenkqubo yentengo. 

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,012 clip(s)