INTRO: Onke amalungu eANC aselungelweni kwilizwe jikelele, azakukwazi ukuvotela umongameli weANC endaweni yokuba ibe ngabathunywa abangamawaka amane kuphela abasuka kwiinkomfa zonyulo. Oku kungenzeka ukuba inkomfa yeANC elandelayo iyakuphumeza oku nezinye iziphakamiso ezingemigaqo-nkqubo, nokuhlonyelwa kwemigaqo yalombutho ezisuka kwindibano yebhunga likazwelonke yesihlanu.