LAPHUMA - HAITU NHI (discussion)
Sithetha neHAITU ngesiphakamiso sayo sokuba isebe likhuphele ngaphandle icandelo labucala kwinkqubo ye NHI...
LAPHUMA - ZONDO FAREWELL (discussion)
Sixoxa ne Judges Matter, ethi intloko yeejaji kweli uRaymond Zondo wafumana ukugxekwa kakhulu emva kokuba umsebenzi wakhe uchukumise oosopolitiki.
APHA - DEMO 30 FARMERS
INTRO: Ngo 1994, uMzantsi Afrika omtsha wathembisa ngokukhulula abasebenzi kwindlela ababesebenza ngayo neyayi baxhaphaza, phantsi korhulumente wengcinezelo.
APHA - NEHAWU GNU
INTRO: Nangona uqoshelisiwe umba wokusekwa korhulumente wobumbano, kodwa zisekho izigxeko eziphuma kumahlakani emibutho kanxantathu.
ZIBUZWA - MK vs SABC
Ingqonyela kwicandelo leendaba e-SABC uMoshoeshoe Monare, ithi elijelo losasazo lizakuzikhusela kwinyathelo lezomthetho lombutho uMkhonto Wesizwe ngakulo. Lombutho ufake amaphepha kwinkundla ephakamileyo eRhawutini, ngokusetyenziswa kwegama lorhulumente wobumbano, iGovernment of National Unity ukut…
APHA - TOPIC - NSG WEBINAR
INTRO: Kwiveki ephelileyo, iNational School of Government, ibisindleke indibano ebalulekileyo ngobuxhakaxhaka bale mihla, i-Webinar ngelasemzini, nebigxile kwinkqubo entsha yorhulumento loMzantsi Afrika, urhulumente wobumbano lukazwelonke, kunye noorhulumente boqhogwano.
APHA - EC MURDER
INTRO: Limiselwe umhla wamashumi amabini anesibini kule yeKhala, ityala labarhanelwa abathathu aboyanyaniswa nokubulawa kuka Kungawo Nyweba oneminyaka elishumi elinethoba ubudala waseDikeni kwiphondo iMpuma Koloni, nowachazwa njengonyamaleleyo.
APHA - TORCHED
INTRO: Kuntunyekwe ngomlilo amakhaya amalungu amahlanu osapho lakwa Bambanani eLusikisiki kwiphondo iMpuma Koloni, emva kokutyholwa ngokuthakatha.
ZIBUZWA - EC MURDER
Bekulindeleke bavele kwinkundla kaMantyi e-Dikeni eMpuma Koloni namhlanje, abarhanelwa kwityala lokuxhwilwa nokubulawa kuka Kungawo Nyhweba. Umzimba walentwazana eneminyaka elishumi elinethoba ubudala, wafunyanwa kwiintsuku ezimbalwa ezigqithileyo eMakhanda, emva kokuchazwa njengolahlekileyo
UPHENDLO - HLOPHE JSC
Ulonyulo lombhexeshi oyintloko weMK uJohn Hlophe njengelungu lekomishoni yenkonzo zobulungisa luza kucelwa umngeni ngokwasemthethweni liziko iFreedom Under Law, logama iANC yona ithi kufuneka kutshintshwe imithetho yepalamente eyamvumelayo ukuba onyulwe. UHlophe, nowathi wagxothwa ngokuziphatha kak…