Umhlobo Wenene Current AffairsUmhlobo Wenene Current Affairs

UPHENDLO - HLOPHE JSC

View descriptionShare

Ulonyulo lombhexeshi oyintloko weMK uJohn Hlophe njengelungu lekomishoni yenkonzo zobulungisa luza kucelwa umngeni ngokwasemthethweni liziko iFreedom Under Law, logama iANC yona ithi kufuneka kutshintshwe imithetho yepalamente eyamvumelayo ukuba onyulwe. UHlophe, nowathi wagxothwa ngokuziphatha kakubi emva kokuba lekomishoni yafumanisa ukuba wazama ukufaka uxinzelelo kwijaji ezimibini zenkundla yomgaqo siseko ukuba zixhase owayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma ngo 2008, ebengomnye wamalungu amathandathu eNdlu yoWiso-mthetho kaZwelonke anyulwe kwi-Judicial Services Commission i- JSC ukutsho ngoLwesibini nalapho iDA, FF+ kunye neACDP zikuchasa oku.

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

Umhlobo Wenene Current Affairs

-umhlobo-wenene-current-affairs
Social links
Recent clips
Browse 200 clip(s)