Abahli base Mpuma Koloni bayabongozwa ukuba baqaphele iimpawu zesifo i Mpox. Oku kuza emva kokuba isebe lezempilo kuzwelonke libhengeze ukuba bangamashumi mabini anesithandathu abantu abasele befunyenwe benesisifo. Aphe eMpuma Koloni sele bebabini abasele bechaziwe nabaphuma kumasipala i Ndlambe neMakhanda. Uluntu lubongozwa ukuba xa luqaphela iimpawu zesisifo lukhawuleze lufune unyango lungalibazisanga. Ukuba sive banzi ngoku, uAmanda Xhala uncokola nothethela isebe lezempilo apha ephondweni, u Siyanda Manana.....




