Kuye kubekho ukubhideka phakathi kokuvumelana ukwabelana ngesondo kwisibini esithandanayo, nokudlwengula ngokwasemthethweni. Ukuvumelana phakathi kwabo babelana ngesondo yeyona nto ibonwa njengengundoqo. Iminyaka yabo babelana ngesondo nayo yinto ebaluleke kakhulu, nanjengoko umgaqo-siseko weli uchaza. Iminyaka elishumi elinesithandathu ubudala ngokomthetho, ichazwa njengeminyaka eselungelweni ukuba ubani angakwazi ukunika imvume ekwabelaneni ngesondo. Nangona kunjalo, oku akuthi ubani akanakubanjelwa ukudlwengula xa athe walala nomntwana okuloo minyaka, nokuba kungabekanti yena uvumile. Xa ingabantwana abangaphantsi kwale minyaka iselungelweni, kuye kwenzeke ntoni? Ingaba umntu uyakwazi ukudlwengula iqabane lakhe aqhele ukwabelana nalo ngesondo? Ingaba ukuvumelana okanye ukwala isondo kufuneka kubengamazwi okanye ingaziintshukumo zalowo ungenamdla ngelo xesha? Ukuphendula le mibuzo neminye, uAyabonga Kekana uncokola nengcali yezomthetho, uAdvocate Dumisani Apollos...