Lo nyaka ubonakalise ukuba ngowona nyaka unzima kakhulu kunxantathu okhokelwa yi- ANC. Ubudlelane obuyimbali beminyaka bungaqhekeka, nalapho umbutho wamakomanisi, iSACP, ufunge ngokuthatha inxaxheba ngokuzimeleyo kunyulo lorhulumente basekhaya ngonyaka ka-2026, nakwezinye iinkqubo zonyulo ezilandelayo. Emva kweendibano ezininzi nogxa wawo kunxantathu, iANC, amakomanisi amile kwelokuba afuna ulawulo lombuso, emva kokusilela kwawo ukubonisa iANC ukuba afuna kwenziwe iinguqu kunxantathu. Intatheli yedesika yezoPolitiko eSABC, uNtlantla Kgatlhane, ujonga ukuba uqhube njani lo nyaka kunxathathu okhokelwa yi-ANC, kule ngxelo siyiphathelwe nguBabalwa Mtengenya..