Minyaka le, ukuqala kwexesha lolwaluko kwiMpuma Koloni kuvusa inkxalabo malunga nokusweleka kwabakhwetha ngeli xesha. Nangona eli siko libalulekile kwinkcubeko yoluntu, ukusweleka kwabantwana kuyaqhuba kuphakamisa imibuzo ngokuthotyelwa kwesiko, kube kwangaxeshanye kukhuselwa abantwana abathath' inxaxheba kweli siko. Ukuncokola ngokulinganisa phakathi (BALANCE) kokugcinwa kwenkcubeko, nelungelo lobomi, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ongumphandi, uYanga Funani...