Iqoqo lolawulo kwi-ANC lichithe isikhokelo salo mbutho kwiphondo iMpuma Koloni, emva kokuba ixesha labo lolawulo lifikelele esiphelweni apha ku-May. Bekulindeleke ukuba isikhokelo salo mbutho esitsha ephondweni sonyolwe kwinkomfa yango-March kuGompo, kodwa lo nkomfa yamiswa sisithintelo sethutyana senkundla, nalapho amalungu athile aya enkundleni efuna ukuba kumiswe le nkomfa, de kuqosheliswe imiba echaphazela amasebe anabathunywa ababeza kuzimasa le nkomfa. Eyokugqibela inkomfa yachopha ngo-May ka-2022. NgoLwesine weveki ephelileyo, unobhala-jikelele we-ANC uFikile Mbalula, ngokuthunywa yi-NEC yalo mbutho, uye wazo kubhengeza ngokusesikweni isikokhelo sethutyana salo mbutho esiza kulungiselela ukuba kubekho inkomfa eza konyula isikhokelo esitsha. Esi sikhokhelo sethutyana okanye iProvincial Task Team yamkelwe ngokohlukana ngamalungu alo mbutho. Masive uMbalula xa echaza esi sikhokelo sitsha (PLAY SOUND). Emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli neendwendwe zethu eziza kusincedisa ukuhlalutya esi sikhokelo, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast kunye noGqirha Xolisile Ngumbela…

TRUNEWS @6 - Political conflict in the DRC a huge challenge in the fight against the spread of Ebola
12:59

TRUNEWS @6 - The ANC has opened public nominations for its centralised selection process for mayoral candidates ahead of the 2026 local government elections
05:43

TRUNEWS @6 - SAQA removed more than 1 100 outdated "legacy" qualifications from the national register
09:26