trufm Current Affairstrufm Current Affairs

NEWS REVIEW| 50 years later, SA youth face unemployment struggle

View descriptionShare
 

NgoLwesibini, uMzantsi Afrika uzakube uphawula amashumi amahlanu eminyaka sukela oko kwathi kwabanjwa uqhankqalazo lwabafundi oluyimbali eSoweto, ngomhla weshumi elinesithandathu kuJune ngo-1976, nolwaluchasene nesicwangciso sorhulumente wengcinezelo sokufundisa zonke izifundo kwizikolo zabantu abamnyama ngolwimi lesiBhulu. Amapolisa athulula ngeembhumbhulu kubafundi ababeqhankqalaza, nto leyo eyabangela ukuba olu qhankqalazo lunwenwele nakwamanye amaphondo. Ukanti ulutsha luka-2026 lujamenele namingeni yimbi engqamene nemontlalo noqoqosho, equka intswela-ngqesho phakathi kwezinye izinto. Abasasazi bethu u-Ayabonga Kekana kunye noBabalwa Louw baye bancokola nesithethi kwisebe elijongene nemiba yolutsha uCassius Selala, kunye nophuma kwi-South African Youth Council, iSAYC, uThabo Tsheme....

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

trufm Current Affairs

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,273 clip(s)