Iqonga lonxibelelwano uWhatsApp sele lisetyenziswa kwiindawo zentsebenzo njengeqonga lonxibebelelwano, phakathi kwabasebenzi. Abaphathi baye basebenzise ii-WhatsApp Groups ukukhupha imiyalelo kubasebenzi. Ezi groups zikwasetyenziswa njengeqonga lokwenza izazizo zomsebenzi. Unxibelelwano ku-WhatsApp lubonwa njengolulula nolukhawulezileyo xa kuthelekiswa nezinye iindlela zonxibelelwano, ezifana neminxeba okanye ii-emails. Nangona kunjalo, ezinye iindawo zengqesho azinayo imigaqo-nkqubo elawula eli qonga neyinika ingqwalasela ngokusesikweni njengeqonga lonxibelelwano emsebenzini. Kuye kwenzeke ntoni xa umyalelo okhutshwe kweli qonga ungalandelwa? UAyabonga Kekana uncokola nengcali kwimiba yezengqesho uThato Mxo.