...Ukubulawa kuka Namhla Mtwa, odutyulwe izihlandlo ezilithoba kwinyanga ephelileyo, kuwubuyisele esithatheni umba wokuxhatshazwa nokubulawa kwamanina eMzantsi Afrika. Imibutho yezopolitiko namatshantliziyo amemelela ukubanjwa komntu/abantu ababandakanyeka ekubulaweni ngokumasikizi, kobesebenzela umasipala wesithili sase OR Tambo, uNamhla Mtwa...Iziganeko zodushe olusekelezelwe kwisini, ukuxhatshazwa nokubulawa kwamanina, ziyaqhubeka nokubayingxaki kwelilizwe. Amanina nabantwana babulawa ngokumasikizi mihla le, logama abanye bedlwengulwa. Amatshantliziyo afuna amapolisa nezinye iiarhente zonyanzeliso-mthetho ukuba ziqinise isihlahla kumlo wokubulawa kwamanina...