Umhlobo Wenene FM Inkqubo ndaba / current affairsUmhlobo Wenene FM Inkqubo ndaba / current affairs

UMXHOLO - NPC LEKGOTLA

View descriptionShare

INTRO: Ikomishoni ejongene nezicwangciso zophuhliso zikaRhulumente, iNational Planning Commission (NPC), imemelela ukuqulunqwa kwesicwangciso esizakumiliselwa ngapha konyaka ka2030. Le komishoni ibibambe iLekgotla entsuku mbini, phantsi komxholo othi "National Planning Commission: Taking the NDP Forward." Kule ntlanganiso, kuvakaliswe inkxalabo ngokusilela kokumiliselwa ngempumelelo kwesicwangciso sophuhliso sikaRhulumente, iNational Development Plan (NDP) ingakumbi sele esondele unyaka ka2030. Kungoku nje, le komishoni ikhangela iindlela zokukhawulezisa ukumilisela iinjongo eziqulethwe kwi-NDP, isithi ngoku kufuneka kubekelwe phambili iinkqubo eziquka eyophuhliso lweziseko ezingundoqo, ukuphuculwa kwesakhono sikaRhulumente sokusebenza, nokumiliselwa ngokusemthethweni kwecandelo elijongene neenkonzo zoluntu, phakathi kwezinye. Le komishoni isebenza phantsi kweenjongo zokuqinisekisa ukuphuculwa kobomi babemi beli, nokulwa indlala nentlupheko ukuze wonke umntu abenenxaxheba kuqoqosho lweli lizwe. Ukuva banzi ngemiba ebixovulwa kule ntlanganiso, nezindululo ekuphunywe nazo ukuqubisana nemingeni engumqobo kwi-NDP, emnxebeni sincokola noMkomishinala wale komishoni, uGqirha Sibusiso Mkwananzi...

  • Facebook
  • Twitter
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

Umhlobo Wenene FM Inkqubo ndaba / current affairs

Umhlobo Wenene FM Inkqubo ndaba / current affairs
Social links
Recent clips
Browse 1,343 clip(s)