Umhlobo Wenene FM Inkqubo ndaba / current affairsUmhlobo Wenene FM Inkqubo ndaba / current affairs

APHA - UMXHOLO TRADITIONAL AND KHOISAN LEADERSHIP ACT

View descriptionShare
 


INTRO: Indibanisela yemibutho elwela amalungelo omhlaba, amatsha ntliziyo kunye nabahlali bemimandla esezilalini, bafaka isicelo kwinkundla yoMgaqo Siseko befuna ukuba ichaze umthetho iTraditional and Khoisan Leadership Act njengo nxamnye noMgaqo Siseko. Abo bafake esisicelo bavakalise ukuba lomthetho unxamnye noMgaqo Siseko, ngenxa yokuba ipalamente, ibhunga lesizwe lamaphondo kunye nezindlu zowiso mthetho zamaphondo, zasilela ukuququzelela kakuhle iinkqubo zokuphulaphulwa kwezimvo zoluntu ngethuba kusekwa lomthetho. Lendibanisela yalemibutho ivakalise ukuba ayichasenanga nokunikwa ingqwalasela kwama-Khoi nama-San okuqukwe kulomthetho, okanye iinkokheli zemveli ezinika uluntu inkululeko nezithatha uxanduva. 
Ukuncokola banzi ngalomba, emnxebeni sibambe umququzeleli weAlliance for Rural Democracy eMpuma Koloni uThabisa Mhlahlo, kunye nosihlalo wekomiti ejongene nemicimbi yemveli epalamente uMnumzana uFikile Xasa...

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

Umhlobo Wenene FM Inkqubo ndaba / current affairs

Umhlobo Wenene FM Inkqubo ndaba / current affairs
Social links
Recent clips
Browse 1,468 clip(s)