INTRO: Nanjengoko zisondele iingxoxo zokuqwalasela ukunyuswa kowona mvuzo mncinane oqingqiweyo kweli, inational minimum wage ngelasemzini, ezinye iingcali zoqoqosho zivakalisa ukuba kungangcono ukuba ungapheliswa owona mvuzo mncinane oqingqiweyo kweli. Oku kuza nanjengoko uqoqosho loMzantsi Afrika lukhula ngesantya esicothayo, nalapho kubekho ukudendwa kwabasebenzi kumacandelo awohlukileyo, kwaye abanye abaqeshi bevakalisa ukuba abakwazi ukumelana nokuhlawula abasebenzi ngokuhambelana nemigaqo engowona mvuzo mncinane oqingqiweyo. Ukuqwalasela banzi oku, emnxebeni sibambe usoqoqosho uBukani Mngoma...