INTRO: Ugqirha Yogan Pillay, uvakalise ukuba kudingeka ukuba ulutsha kunye nabantu ngokubanzi ekuhlaleni, kumele babandakanywe equkulunqweni kwesicwangciso esitsha soMzantsi Afrika sokuqubisana nesifo ugawulayo nesandulela sakhe, kwaye abantu abatsha kunye nemibutho yasekuhlaleni kumele babenendima ebalulekileyo ekumiliseleni esisicwangciso. Oku kuza emva kwenkomfa kagawulayo yalonyaka nebibanjwe kutsha nje eMontreal eCanada, nebalule isidingo sokubandakanya imibutho yasekuhlaleni kunye nokubaluleka kokubandakanya abantu abatsha. Emnxebeni sibambe othethela abantu abatsha kwibhunga elijongene nogawulayo eMzantsi Afrika iSANAC, uKoketso Rathumbu