INTRO: Zizigidi ezilishumi zeetoni zokutya okongezelelekileyo (surplus food) nokungekonakali okulahlwayo nokuchithwayo ngabavelisi nabathengisi bokutya kwelilizwe, minyaka le. Oku kuza nangona ingumntwana omnye kwabathathu obhuqwa yindlala kweli, nalapho iinkcukacha manani zidiza ukuba ngumyinge wamashumi amabini anesixhenxe ekhulwini wabantwana abangaphantsi kweminyaka emihlanu, abaphila nesigulo sokungondleki. Umbutho woluntu iFood Forward SA, ukholelwa kwelokuba oku kubangelwa kukungabikho komgaqo nkqubo ophathelene nokunikelwa kokutya, ozakuqinisekisa ukuba amafama avelisa ukutya okugqithisileyo kunokudingekayo, neevenkile ezinokutya okusezakonakala azikulahli, koko kunikelwa ngako kwabo bangathathi ntweni. Ukusabela banzi ngesiphakamiso salo mbutho seFood Donations Policy, emnxebeni sibambe ophuma kwiFood Foward SA, uZanele Stimela...