Uphinde wasematheni umba wentlawulo kumonzakalo owenzeke emsebenzini, emva kokuhlonyelwa komthetho ongentlawulo yamabango okwenzakala komsebenzi ngethuba esempangelweni, iCompensation for Occupational Diseases and Injuries Act Amendmend Bill ukutsho, nophakamisa ukuba umsebenzi eze nengxelo kagqirha ngomonzakalo wakhe ukuze libe nokunikwa ingqwalasela ibango lakhe phakathi kwezinye izinto. Le nkxaso mali ichaphazela abasebenzi basezifama, abalobi, abakhi, oonogada, amanesi, abasebenzi basefektri kunye nabasemakhitshini phakathi kwabanye. Kunyaka ophelileyo ikomiti yasepalamente ejongene nemiba yabasebenzi nengqesho, yeva ukuba xakunokwenzeka uphunyezwe lomthetho, oko kuyakuvumela ukuba kwamkeleke ukufakwa kwamaphepha entlawulo yonyango nakweliphi na iziko lemali njengesiqinisekiso esingqina umonzakalo. Ukanti oku kuyabaxhalabisa abasebenzi abasalinde intlawulo yamabango abo nanjengoko bezakuxakwa ukuba bayephi, nanjengoko abeenkonzo zonyango befuna imali phambili ukuze banikezele ngeenkonzo zonyango.