INTRO: Isibonelelo sikaRhulumente sendodla yabantwana,iChild Support Grant , ngomnye wemigaqo-nkqubo ecwangciswe ngurhulemente weli ukuqubisana nentlupheko ebantwaneni. Ngo2022 ingxelo yebhanki yehlabathi kumba wokungalingani kuMaZantsi eAfrika, iyichaze njengeyona nkqubo kweli loMzantsi Afrika enefuthe kakhulu ekulweni intlupheko. Inkqubo yesibonelelo-mali yenziwa kwihlabathi lonke, ukanti ifikelela kubantwana abakwizigidi ezilishumi elinesithathu zabantwana beloMzantsi Afrika, ngenkxaso- mali engamakhulu amahlanu neshumi leerandi ngenyanga (R510), umntwana ngamnye. UMphathiswa wesebe lezophuhliso loluntu waabona kubalulekile ukuba kunikwe ingqwalasela emandla kumgaqo-nkqubo ongqonge imali yesibonelelo sendodla yabantwana. Kwinyanga elandelayo, kwaye kwamiselwa iziko elijongene nemiba echaphazela abantwana kwidyunivesiti yaseKapa, ukuba liqhube uphando oluthe gabalala kuphononongwe intlupheko yabantwana kunye nokubaluleka kwesibonelelo sendodla yabantwana. Sikhwebe othethela isebe lophuhliso loluntu uLumka Oliphant .....