Ivakalise inkxalabo imibutho yezoshishino ngokungabikho qela liphumelele ngesininzi esivisayo kunyulo lukazwelonke nolwamaphondo lwalo nyaka. Ingqonyela yeBusiness Leadership South Africa uBusisiwe Mavuso, ilumkise ngelithi icandelo loshishino lizakuqhawula nayiphi na intsebenziswano ukuba iANC inokukhetha imibutho ezakuzela ukufakwa kwemigodi neebhanka phantsi kolawulo lukarhulumente. Ukanti kwa kwelicandelo, umbutho iBlack Business Council uthi umele ukunikwa ingqwalasela umba wamava ngethuba kuxoxwa ngorhulumente wendibanisela. Lo mbutho uthi onke amaqela ezopolitiko mawabekele phambili iimfuno zabemi beli, kuziswe uzinzo, uhlumo loqoqosho, ukudalwa kwemisebenzi nokwenziwa kweenguqu kuqoqosho. Nangona kunjalo, lombutho umemelele kwi-ANC ukuba iqinisekise ukuba isebenzisana namaqela azakukhawulezisa ukumiliselwa komgaqo nkqubo ojolise ekuxhamliseni abantu abaNtsundu kuqoqosho, iBroad-Based Black Economic Empowerment ukutsho, kunye nomakulinganwe ngokwengqesho ukulungisa iimpazamo zangaphambili.