Ubomi bomfundi kwiziko lemfundo ephakamileyo lunemingeni eliqela, ngaphandle kwezifundo zakhe. Uxinzelelo lwengqondo ngenxa yokufuna ukungena kubomi obuphilwa ngabalingane babo, iziyobisi, ukulwa nokungazazi ukuba ungubani, ulonwabo oluphazamisana nezifundo zomntu, zezinye zezinto ezibalulwa yincwadi esihloko sithi: The Dark Side of Campus Life, nebhalwe nguSipho Tshaka. Kule ncwadi, uTshaka udakanca le mingeni, neenyani zempilo ephilwa ngabafundi kula maziko. Le ncwadi ikwanazo neziphakamiso zokuba ubani angazikhwebula njani kwizinto ezinokumphazamisa kwimpumelelo yakhe. Emnxebeni sinaye umbali wale ncwadi, uSipho Tshaka