Kulindeleke ukuba livele kwinkundla kamantyi emva kwemini namhlanje ityendyana laseMalmesbury eNtshona Koloni. Le nkwenkwana ineminyaka elishumi elinesithandathu ubudala, ibanjwe ngoMvulo ngezityholo zokunxibelelana nabo baxhaphaza abantwana kwi-intanethi. Ukubanjwa kwakhe kuza emva kwephulo eliqhutywa kwihlabathi.