Kudutyulwe kwabulawa uno-Taxi kwikhaya lakhe eHarare eKhayelitsha kwi-Cape Flats, eKapa. Amapolisa athi esi siganeko sinxulunyaniswa nodushe loono-Taxi lwakutsha nje kulo mmandla. Bangapha kwamashumi mabini abantu ababulewe kolu dushe ukususela kwinyanga ephelileyo.




