Limiselwe umhla wamashumi amabini anesine kwinyanga ezayo ityala lowayesakuba ngusekela mkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uLieutenant-General Shadrack Sibiya, khon' ukuze kuqhutywe nophando, emva kokuba inkundla kamantyi yase Randburg eRhawutini isalile isicelo sakhe sebheyile.