Njengokuba kuvulwa izikolo namhlanje, abafundi kwezinye iindawo bahamba imigama emide uyokufikelela ezikolweni ngenxa yokungafikeleli kwenkqubo yokuthuthwa kwabafundi kwiindawo abahlala kuzo. Rhoqo ke ngonyaka xa kuvulwa izikolo, abaqhubi bayazimisa iinkonzo zabo bekhalazela ukungahlawulwa kwangethuba kodwa bekungekavali ntshukumo zikhoyo kulo nyaka.