Inyambalala yabemi bamazwe angaphandle ichithe obunye ubusuku ilele phandle, kwelityeli kwiziko lokwamkela iimbacu iMoore eThekwini KwaZulu Natal. Oku kwenzeka nangona isebe lemicimbi yezekhaya liqinisekisa ukuba uninzi lwabo lunawo amaphepha-mvume okuhlala kweli kusini na. Eli qela lithuthwe ukusuka kwiziko iDiakonia izolo, ngethuba kuqalwa inkqubo yokuqinisekisa amaphepha-mvume okuhlala ngokusemthethweni. Ubemnye umntu ofunyaniswe engenamaphepha, nothe kamva wabanjwa. Nangona kunjalo, uninzi lwabo luthi lusenoloyiko lokubuyela kwiindawo oluhlala kuzo.