Kutshanje obambele njengengqonyela yengxowa-mali exhasa abafundi uNSFAS uWaseem Carrim, uvakalise ukuba mninzi umsebenzi ekusafuneka wenziwe ukwazisa uluntu ngemali mboleko yabo banabantwana abangaxhamliyo ku NSFAS, babe nabazali bengakwazi ukubabhatalela ngokwabo. Umba wabafundi ababizwa ngokuba yi missing middle usabonaka ungumngeni omandla kweli, nanjengoko abazali befumana ubunzima ukuhlawulela abantwana babo izifundo, ngenxa yeengxaki eziliqela.