Iqondo lokuphumelela kwabafundi bebanga leshumi kunyaka ka 2025, lelona liphezulu kwimbali yeli, nengumqela obalulekileyo kwicandelo lezemfundo. Eliqondo lokuphumelela kwabafundi bebanga leshumi limi kumyinge wamashumi asibhozo anesibhozo ekhulwini, nebonisa ufunqu kwiqondo lonyaka ophelileyo lika 87,3 pesenti. Kusenjalo iphondo iKwaZulu Natal ibelelona phondo linkqenkqeza phambili ngomyinge wamashumi alithoba ekhulwini. Iphondo iFrey'Stata nebeliphala phambili kunyaka ophelileyo, kungokunje limi kwindawo yesibini ngomyinge wamashumi asibhozo anethoba ekhulwini.